Welcome to Wiseman Ndamase's Discussion Forum. If you are not a member of the forum yet, take a moment to register. This will allow you to post topics, send/receive private messages, upload images and read/post diaries.
 

Wiseman's Forum

You are not logged in.

Announcement

Welcome to Wiseman's Forum!


Upcoming Events

  • Index
  •  » Gallery
  •  » Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

#1 Sep 13th 2015, 2:16 pm

Sandile Matebese
Member
Registered: Sep 13th 2015,

Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Mna ke ndingu Sandile unyana omkhulu ka Mncedi Matebese, yena ezalwa ngu Veli Matebese, uVeli eligqibelo lika Bhadu, uBhadu engumninawa ku Kondile,bezalwa ngu Matebese,unyana ka Daca bephuma kwingwevu uMngxuma, ndiyavuya kakhulu ukuhlangana nabakuthi kuba kukho omnye wodade bethu ophuma kweliya lase Mduluswa (Green Bushes) uyise wakhe ongasekhoyo yena elakhe lokubheka, ngu Balekile naye ezalwa kulendlu ka Matebese, kodwa yena engakhankanyi Kondile na Bhadu, ukuba zikhona ezinye izindlu ezinokuthyilwa kuthi ndinganovuyo olukhulu..

Kulendawo yobukhosi obathathwa ngunyana ka Hintsa,uNcaphayi, ngokubulala iinkosi zoonke zooNozinga ezazilishumi elinesiXhenxe kubulawa ubukhosi nobuKumkani bamaNgosisni,ndingathanda siyilandele, kuba kuCentane,eQholorha sasiligqiza elalinamaNgqosini amaHlanu simenyiwe ukuyokungqina xa iNkosi yooNozinga, yooCihose, yooMjobi igcotywa isikelelwa ebukhosini nguKumkani uZwelonke, ithi ke lonto maNgosini amahle, siseMcibini nqo, sisemxholweni, ukuba kufuneka ubungqina, nanga amaNgqosini ayekhona kulamsitho wokubekwa kuka Nozinga ebukhosini, yiKumkani yethu...A!! Zwelonke, Ngawo ke lamaNgqosini ayekhona Ngu: Mr.Zanoxolo Wayile, Sandile Matebese, Mncedisi Makinana,Sticks Toyise, Mr.Fikile wakuCentane. Ndiyafumaneka ke maNgqosini kule Nombolo 060 449 3711, email:gstarhash@gmail.com,sales@nozingamedia.co.za  Website:Http://nozingamedia.co.za okanye Facebook:Sandile Matebese, Nozinga Media,My Leader magazine, Maestro magazine,The People Shall Write & KZN Tents....Twitter: Sandile Matebese & My Leader Magazine.....Malibe linye Mjobi!!!!

Offline

 

#2 Mar 3rd 2016, 3:34 pm

NKekana
Member
Registered: Mar 3rd 2016,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Ndiyabulisa MaNgqosini amahle, mna ndihlala eXESI (former Ciskei) . Ndicela ubuza ukuba ayikho na incwadi enalo mnombo nemvelaphi yamaNgqosini
ukuze abantwana bethu bakwazi ukuyifumana.  Unchuthu lweendaba luyafuneka kwabangenalo.

Camagu!

Nomhle

Offline

 

#3 Jul 22nd 2016, 3:08 pm

Nozinga
Member
Registered: Jul 22nd 2016,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Ndiyabulisa nam bo Thithiba abahle nam ndinomdla ngalombandela kaHintsa kuba mna ndazi ngoluhlobo umama wakhe uHintsa nguma Gaba.

Offline

 

#4 Dec 24th 2016, 1:22 am

Sd ndzukela
Member
Registered: Dec 23rd 2016,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

I would lyk to thank for being a member of wiseman forum, i hope i am welcome as a member thank you

Offline

 

#5 Jan 10th 2017, 9:06 am

Pumeza
Member
Registered: Jan 10th 2017,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Mandizibulisele Bogaba

Mna ndingu Pumeza Geelbooi ifani yakulo mama umamfene, eyakulotata nguTshona emangqosinini asedikeni ndawo leyo endingayazi. Mna ndiyinkulu ka Boyi Ntikum Welcome Tshona ongasekhoyo, ababemazi babembiza Ngwevu entsha. Singabantwana abane amadodana amabini iintombi ezimbini. UNtikum utatakhe ngutshayindaba ugaba oweyenisiphiwo sokunyanga abantu, Utatam babebathathu kutatakhe amantombi amabini inguye ingqibela kubantwana bakaTshayindaba

Ndiyavuya ukufumana le group ngoba ndizakuzazi izinto zasekhaya namasiko esekhaya, ndim no sister wam abame ikhaya, unyana katata oza emvakwam wathi masimkhuphe kwizinto zakwaGaba. Kubuhlungu ke ngoba ndisemzini yaye ndingumntana obhingqileyo usister wam yena akasebenzi. Xa sisenza imisebenzi siyasokola nangokufumana intlabi.

Ndiyavuyake boCihoshe ngokufumana nina  izinto zizakuba ngcono, ngokukwazi amasiko asekhaya. Ikhaya lam liseBhayi kwazakhele, kulonyaka besicinga ukubuyisa utata bendicela nindincende nindixelele ukuba kwenziwa ntoni, zintoni ezifunekayo kulomsebenzi.

Ukuba angakhona uGaba ongandinqhubela lomsebenz dingavuya, ngoba abanye oGaba esidlangobacela basenzele emisebenzi abalazi kakuhle isiko loGaba. Yaye abazontlabi kumakubo, abawanzi namasiko.

Okunye bendicela kwazi ukuba, njengoba ndikumntana oyinkulu obhingqileyo kungakwazeka nha ukuba ndibeyintlabi yasekhaya, intambho enkulu yona ndinayo.

Andikwazi ukubukela umzi kaTshayindaba uphele ndisaphila, ndinibhalela ndisezi nyembezini intliziyo yam ibihlungu naluvuyo lokufumana legroup. Isintu sithi angekhe uzazi ukuba uyaphi ungayizi imvelaphi yakho or amasiko akowenu

number yam: 0834910029

Last edited by Pumeza (Jan 10th 2017, 9:59 am)

Offline

 

#6 Sep 20th 2017, 9:52 am

Mncediwe
Member
Registered: Sep 20th 2017,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Ndyabulisa boGaba oooThithiba nam ndyintombi katataBambelela ka Manase eCofimvaba eQutsa nam ndingathanda ukiva lo mnombo wogaba

Offline

 

#7 Jun 19th 2018, 10:59 am

MjudaZuaun
Member
Registered: Jun 19th 2018,

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

To understand your true history Gaba, you have to see list of "Jew"-ish tribes of Juda and Benjamin that came back to build the temple during the time of King Cyrus of Persia. Please use a Catholic Bible such as a Douay-Rheims Bible and look up the 1st Book of Esdras Chapter 2 verse 26. The Gabas are listed as one of the clans of the tribes of Juda and Benjamin that came back with Nehemiah to build the temple at the instruction of the Persian King Cyrus/Kuru the Great. (FYI: Martin Luther (The 1500's leader of The German Lutheran secession from the Roman Catholic Church, led the charge, leaving the church, he wanted to remove all evidence of Jus from the Bible. That is why the Protestant Bible, NKJ etc. in use in South Africa excludes 7 Books that make it a truly Ju bible. User Beware when using these Bible) Use the Catholic Bibles. Google them and try and use one which has been translated directly from Latin/Ancient Hebrew by the Roman Catholic Church.

More recently, please look up a country called Ma'rib, a now-defunct state in Yemen. This was a country of mostly Christian "Jews" (more correctly, AmaJu) that were destroyed by Muslims around 328. Read the Inscription of Namara: https://books.google.co.za/books?id=lok … mp;f=false). This is where people who call themselves Carib/Kariba/Kalila/Caribbean/Gariep in Zimbabwe, Botswana all the way to Mauritania and then in America (there are a lot, the Caribbean is only the beginning e.g. in Suriname, Guyana etc. in Asia - Borneo, Malaysia, Indonesia, China, Solomon Islands, japan, Singapuru (Singapore) etc. come from. If you google indigenous peoples of these lands by each country and look at the pictures, they are black, some with straight hair, some with curly hair, most with black hair but some with blond or brown hair but black and mostly "red".

Korana:
Numbers 16 vs 1-2, talks about Korah, son of Izhar (Inja/Idla/Inga/Iza/Ijah)of the Levite clan of Kohath.

Most accounts from Bantus, say we are Yemeni Jews. This proves beyond any shadow of any doubt that we are in fact the very same Jews. Another assertion is that if you read from the Book of Numbers, you will find all the rituals that Bantus (and coloreds and some white people and Indians) generally follow.

The honest truth though is that we strayed away from God and did not heed his Son, the Messiah, when He came. He truly is, the only one who can save us from all the evil that plagues us. Anything else, will leave you in the hands of the voices in our heads: The voice of the devil and his demons. Without Jesus, we cannot hear the Holy Spirit to guide us. We have tried rituals and rules for thousands of years and still we sin.

(An Aside: Cyrus is the Greek pronunciation and writing, the more correct would be Kuru (ancient Hebrew), google it. We know all about Khulus - after all from here to Timbuktu has Gurus, Khulus, (Ki)Kuyus, Chulus, Kurus etc. such as Sibalukhulu (Swazi and Zulu) /Dzivaguru (Zimbabwe, Tanzania and Malawi), Kikuyu (tribe of Kenya and pretty much the whole of Africa), Mthimkhulu, Sokhulu, Ngulumane/Kuruman/Gurumane etc.

Offline

 

#8 Jul 23rd 2018, 8:44 am

wiseman
Chief
From: Idutywa-Eastern Cape
Registered: May 8th 2007,
Website

Re: Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Le ngxokozelo yoMangqosini andiyazi ukuba ivela phi kodwa ufifi endinalo ingathi iphehlwa yimeko yale mihla apho ukubekwa kwezibonda ndaweni ithile nakwilali ezithile kuye kudityaniswe nobukhosi.

Inkosi ngokwazi kwa sithi yiChief neba nebhotwe/INQILA yongamele iNkosana which is HEADMAN phantsi kwayo. Kodwa uninzi lethu lunempazamo yokuthi iNkosana which is headman as INkosi, kulapho sifika silahleke khona.
Inkosana kaloku ngonyana be Nkosi apho Inkosi leyo iye yabele unyana wayo umhlaba othile ukuze ibe nguye owongamele eso sizwana nabantu baso iye lento kuthiwa ngumntwana wenkosi; ubeve ke abantu besithi umntwana wenkosi yam,  besitho kwi Headman ngokwase Silungwini.


"I will do what is Best for myself and my Family".

Offline

 
  • Index
  •  » Gallery
  •  » Nam ndiyabhotisa bantwana benkosi uMjobi, uNozinga,uCihoshe..

Board footer

© Copyright 2009 Wiseman.co.za